20/08/2021
Koba nini kunjena😔
Amehlw'bomvu kuliloko,
Umzimb'uvuthiwe ubuhlungu,
Isisu sincamathel'emqolo,
Inyembezi zomele ebusweni,
Ubuso bufukufuku kukudumb'amehlo etshonile....
Kobanini ndilala ngendlala intsokol'isindishicilela undichuba,
Abantu behlekisa ngam ,
Omakhelwane bephung'iti bexhelelexhukwana beyityivotha beyityityiyela ibonwabisa,
Izaphusele zindijonge njengegeza zinditsalatsala zindilinganisa zihlekisa ngam....
Owu kazi koba nini kunje😭...
Apho ndihambakhona ndibhebhethwa ngathi ndinevumba ,
Xa ndibulisa kunyevula wonk*mntu,
Akekh'ofunuhlale ecakwam ananto ndiswele,
Akhontw'ibhadlileyo endinoyithetha Kuba kwakuthwa "Xa engubani yena"?🙄.......
Ntlupheko undenzile eneneni ndakuqalekisa,
Ukhand'ikhaya walishicilele langamabhodlo,
Kwafikisikhukhula sawuthathumzi zayowulahla kwamnyamana ndawo iphahla langumqa,
Sabambongezantsi sizimpul'akalujacu ,
Sangamakhobok'abantu atyalemizini anganikwa nempunde,
Sizizithwangu-thwangu ezidingindawo lala.....
Inene intlupheki ayinalusini,
Iyazinga emzini bahlekise abantu,
Aphele amandla kudingeke okusiwa phantsi kwempumlo....
Amathumbu aculelandincamisa ndilaqalaqaze ndijonguba aweviwa mntu naa....
Umlomo ugxwebile ungafunguthi ndincamisa umhlaba ,
Amadolo abhetyebhetye ngokwesanelifund'uhamba,
Indlala indiqobe amalung'omzimba indigqibile...
Kobanini kunjena ?
Ndiyabuza andinifumani mpendulo...
Ingqondo iqhekekile ipasalakile....
Intliziyo icandekile ichachambile yagubeka.
Xola moya wam ubomi bubomi ngemizamo......😭😭😭
Umbhali :✍️Sinawo sinothandolwazi Nentobeko Roro 🎬
Ndibamba ngazo zozibini kuwe mfundi 🙏🤝❣️😍