Iintsunguzi

Iintsunguzi Intsunguzi yona yindawo apho enganobungozi enobunzima eyadalwa yabuhlungu ngezehlo zayo

16/02/2026

Part1
kwakungelula nto naxa ke ingamahla ndinyuka.
SisengaMakheenkwana sizenzile izinto zasenzekela izinto.
Zikhona zona imini zokucinnga lona undizalayo inzingo azipheli.

Kodwa ukunyamazela uhleli ecebeni lulutho
okwangoku mandime ibali elipheleleyo liyeza.

23/09/2025

Ndikhulele ezilalini ndiyinkwenkwana
ndisaziwa ngokuba ngumdlali webhola ekhatywayo owayebalasela esikolweni nasekuhlaleni oko nam ndandikuthanda kodwa lomaphupha alahleka ngoko kubaThixo uthatha amalungisa

23/09/2025

Intsunguzi
likhasi lam lomane ndisendlala khona endikubhalayo

IntsunguziEwe kanjalo nje ndife ndiphila zihla zinyuka kulo ntsunguzi ngenxa yobude bendlela Nam ndagcina nditywabaza nd...
12/08/2023

Intsunguzi

Ewe kanjalo nje ndife ndiphila zihla zinyuka kulo ntsunguzi ngenxa yobude bendlela
Nam ndagcina nditywabaza ndidywadisa ndisenza ngqo ebendiyalelwe ngazo maze ndingazenzi lapho

29/09/2022

Ukuzalwa ngumfazi kwam inomsantsa k*m ndicinguba ndiyazama qh isizalo somama sikho
Ndiziva ndididekile

Ndiyafuna ukuyedlala imbilini ndiyeneke

18/08/2022

Ukuzalwa ngumfazi kwam

18/08/2022

Inkani yam ihamba nomsindo iyandifaka ebunzimeni bempumelelo khumbula kaloku impumelelo zange yalula kuwo wonke umntu lonto yandenza ndagula emva kwalo ngozi yohlatywa noko kunjalo ndazibuyisa ke ingcinga ngokoba ndandinomntwana omncinci ngalo lonke eloxesha ndandisezintlungwini
Ndaya kungena
Nakwa Nokholeji ke apho sendizibona ukuba andinto yakwenzanto mna baqala phantsi ubomi bentsunguzi yobuhlungu yokuhlupheka
Mna ndilila zome inyembezi kusithiwa indoda ayikhali nje hayi mna ndikhala zome zifane nangomhla wokusweleka kukamama ndakhala nje zange abuye
Ndicenge ihala kwakula Nokholeji ngoba zange ndizifumane injongo zam njengamfundi owayenjongo zofumana zatifiketi
😭😭😭Eyona nto isandivuthuza intliziyo nengqondo yeyokuza kwam eKapa kuba utata wathi k*m noba intlupheko ikubeke phi na mntanam *Yho* wenditeketisa kanje xa endibiza ungaze uye eKapa ndavuma ke kutata kuba ndandimamela enyanisweni ke ndandingayifuni ikapa lena kuba
Ulwimi lungafiki engqinibeni intsunguzi yobomi yandifaka ngazo zonke imeko eKapa nangoku ndisekule Kapa yona impilo yaseKapa indahlule yingako ndisithi vuya wena usenaye umzali wagcine amazwi wakhe ikapa indivise ubuhlungu isandivia nangoku ndisho ubuhlungu busenziwa kwangabantu esizisa kubo ngokwethu noko intsunguzi yona indizingile yaye indivuthulule

Yingako ndimana kujonga phezulu ndisithi eli ihlabathi malitshabalalisw e
Okanye mandife kubekanye inzame zokulunga kwam zezona zindivisa ubuhlungu kungako sekukho Abantu abazandla zixhaphe igazi kungenxa yobuhlungu ababuviswayo kwade kwacaca kuphilwa ngentlungu noko ngoku
Intlungu endibanayo suke ndicingele sisi wam omdala xa ndigqibile ngam oh abantwana bam kona ukufa andikoyiki ndafa kadala mna nje kusele imini yolahlwa kuba ndlela lena ndihluk*mezeka ngayo ebomini kayandicacela ukuba ndiyoze ndidinge nomntu lona undaziyo athethe nje ilizwi ukuze kulityalwe ngam ngeloxesha yinyambalala yabantu abancedwa ndim ngoxolo nobuntu bam ikwangabao ke abandisa kwelicala lendzondo

Umboniso 3

17/08/2022

Ndaqhubeka ke ndinebhongo ke nam ndiqala okokusebenza apho kwak*mana kufika ingcinga ke apho ingak*mbi xa ndamkele imali empela nyanga ngoba unozala ndimthanda

Kwakubabuhlungu nasekutshoneni kwelanga kwakuthi xa kuvalwa ucango ndibenolaka ngokuba kwanguthi ayiviwa intlungu ephila k*m ngaphakathi ngonama lonto yayibuhlungu kunene k*m
Ndithe ngo September 2014 ndafumana intlahla yokubanedinga ngomhla we 19 September 2014 ndizosiwa eMonti nabanye abasebenzi esasonyuliwe sifumana *Promotion* mna nge 17 September 2014 ndahlatywa ekuseni ndisiya emsebenzini nje amanxeba ndenqina ukothuso ngawo andibeka phantsi kwanga kuchitheke amanzi ligazi lam ekuseni kuvukwa ndaqaphela ntonye ukufa bekufikile k*m qha andilusabelanga ubizo lako
Ndasinda ke Umfo ka Guga wayesingisele kwanomfundo lonto ke ndancedwa ngabafana abafika kuqala k*m ndasiwa Clinic taxi man waselalini ndinjalo ukuba ngumtya yimela ndathi kwawube ndithunyelwe esibhedlele ndaqonda kunzima k*m ndahlala ke kulo ntsunguzi besifa abanye ndijongile ndabona leya intsunguzi inzima nje ithemba lam lavela kutata uthile wayengaboni ngokobudala noko lotata wayesazi yonke into ngekhaya lam uyakutsho kulo mama kuba wayendilidekile kakhulu
Wayendiculela utata ndakuthula athethe amazwi abuhlungu izishwabulo abize AmaNesi kuba endihoyile tamkhulu athi xa ecula makufe yena ndisinde mna kwafa intsana kwasala bona ngoba kutheni wayelila tamkhulu xa ndimxelela ngongeba kwam kwanompilo
Xa ndiyobonwa kwakubanzima zizijwili kuba umcimbi wawucalanye k*m indlela yayingabuzwa ngenxa yobunzima ke bentsunguzi leyo ndanyanzelisa ubuyela ekhaya kwinyamga yesine Ndihlala kwanimpilo lonto yenza kuvuseleleke isilonda songabinamzali ngenxa yamazwi yabazali abasahleli nenzala yabo
Ndathi ndawuzibona esibhedlele ndaziqalekisa kuba kaloku ndasokolisa andikwazi uhamba kuzihlamba ngoko ndandihamba ngesitulo esihambayo Wheelchair ngoko ndandiziphuncula nangezonkophe ke inyembezi zinzingo zentsunguzi ndafafathisa ndaphuma ke ngenkani

Umbono 2

17/08/2022

Bhotani nonke kwindawo ngendawo ndiyabulisa
Ndicela uxolo ngozithoba kuni mzontsundu ndithi ngxee ndiligwala ndingujulevile ndixoleleni hleze ndingumoni mna andibonanga sono
IsiXhosa lulwimi lwenkobe
Ndiva kabuhlungu xa ndizokunondlalela ndaneke intsunguzi
Bendifudula ndingenanto nawukuzifuna ngam bendiyikwekwana enyamezalayo ethanda iwayo njalo

Ubomi k*m baqala baqina ngonyaka ka 2008 ndazibona ukuba ndingumntu nam ngoku apho ndaba nehlwili nangoku elingekapholi phofu alisoze laphola ukunikwa amazwi ngumzali kunobangela wentsunguzi ke k*m ngoko ukufelwa ngumzali lonto ke isandivisa ubuhlungu lonto
Ndiyafuna ukuthi MLUNGUKAZ ukuba wawucacisa ngqo ngoba ubudala buqala njani na?
Ndaqala ndaziyigusha edla yodwa ke ngoba ngoyena mntu wayekufuphi k*m umama
Ndalahla ubumna ebholeni ezifundweni ngokwasengqondweni
Ndithetha nawe ndandilibala kwanto ngalominyaka hayibo
Ukuswelekelwa kwenzeka mihla le kodwa akuqheleki ndazama zama ke kunzima ikamva lam limfiliba ndingunontlekisa ke kanjalo yonke lento yehlela umntu osoloko ethanda ukuhlala yedwa

Kuba ke noko isimilo ibisisikolo sika mama ndizamile ukuzinyanzela incwadi kunjalo kukubi ndaphumelela kunjalo nakwiminyaka elandelayo
Ndayongena kwimfundo ephakamileyo kusenjalo kaloku isilonda esingaphakathi siphola ebunzimeni
Ndafika ke high School ndazama noko umfo lona kucaca ngoba wayengekude emagameni
Noxa wayephantsi koxinezelelo lweminyaka evisayo ke ndaqhubeka ndiphumelela ezona ndaba zazindivisa ubuhlungu ke ndandipasa oko ndigxelelwa ke ekhaya iyinkuthazo ke k*m ngoku lonto yayiseyimbi kuba ithemba lam laliselingekho umama

Yona nto ndazinika yona kuba mandifunde noba imeko imbi k*m ndandinento enye ethi xa imeko inje ndingafi nje?
Ndafunda kunzima ndapasa incwadi yeshumi zona izilingo ziqhubeka umlingi engaphezi andawa phantsi ngalonto
Uzumamelisise ke ndisedlavudlavu sisehlo sosweleka kukamama
Ngonyaka ka 2014 ndisebenza kwi Construction yamanzi egama lingu Umso apho ndaqala usebenza ndisithi ndizama ukuzilungisela

Address

Delft Thubelitsha
City Bowl
EINDOVHEN

Telephone

+27737614351

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Iintsunguzi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share